Iziyobisi kunye Neetyhefu
Isakhono sesiqwenga somsebenzi owunikiwe
Qaphela: Ezi zakhono zokugqibela zisengakhethwa. Akunyanzelekanga ukuba uzenze. Zibandakanyelwe wena apha ukuba uzenze zikuncede kwaye ufumane ulwazi olongezelelweyo kunye nobunakho bokusebenzisa izixhobo zekhosi.
Jonga kwindawo ohlala kuyo okanye osebenza kuyo kwaye ufumane imizekelo yeziyobisi okanye iityhefu. Umzekelo, jonga ii labels zayo nayiphi na imveliso enokuba kwikhabhathi zamayeza, okanye ii labels zokutya, njl. Yenza oku ude ukwazi ukubona ngokulula imizekelo yeziyobisi kunye neetyhefu kwindawo ekungqongileyo.