Let us know how it is going

IIMPENDULO KWIZIYOBISI

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwikhosi Iimpendulo Kwiziyobisi kwi-Intanethi

Phantse akukho namnye umntu namhlanje ongakhange achaphazeleke ziziyobisi. Izigidi zabantu bazisebenzisile kwaye ziyaqhubeka nokuzisebenzisa. Kwanomntu ongazange azisebenzise iziyobisi uyamazi umntu okhe wazisebenzisa. Isenokuba lilungu losapho okanye umhlobo. Isenokuba ngumntu ongamaziyo kwaphela othe ekusebenziseni kwakhe iziyobisi kwakhokhelela ekufeni kuhola wendlela.

Iziyobisi zikhokelela kukungonwabi kunye nokusilela. Zizisa ulwaphulo-mthetho nogonyamelo. Zitshabalalisa iintsapho, zichitha ubomi.

U L. Ron Hubbard uthathe isigqibo sokuyisombulula le ngxaki.

Kude kube u Mr. Hubbard uphuhlise esebenzayo i drug rehabilitation inkqubo, kwakungekho sisombululo. Ayikho into eyayibangela ukuba umntu ahlukane neziyobisi, ahlukane neziyobisi kwaye abuyele ebomini bakhe.

Inkqubo ka Mr. Hubbard ibonelela ngesisombululo esisebenzayo. Ngaphandle kwamathandabuzo yeyona nkqubo isebenzayo ehlabathini.

Namhlanje, okwetyeli lokuqala, abo banengxaki yeziyobisi banokujongana nobomi nge energy entsha kunye nethemba. Esi sahluko siqulethe eminye imigaqo esisiseko yale nkqubo kwaye sinika ukuqonda kokuqala kwengxaki esichaphazela sonke.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Iziphumo ezongezelekileyo zokuthatha iziyobisi zinokumshiya umntu ephazamisekile, nokokuba kudala beyekile ukuzithatha.
  • Iziphumo eziyingozi iziyobisi ezinazo engqondweni nasemntwini ngokwakhe.
  • Izixhobo ezifanelekileyo onokuzisebenzisa ukunceda umntu arhoxe ngokukhuselekileyo kwiziyobisi.

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.