Beka Into Ngendlela
Isakhono sesiqwenga somsebenzi owunikiwe
Qaphela: Ezi zakhono zokugqibela zisengakhethwa. Akunyanzelekanga ukuba uzenze. Zibandakanyelwe wena apha ukuba uzenze zikuncede kwaye ufumane ulwazi olongezelelweyo kunye nobunakho bokusebenzisa izixhobo zekhosi.
Jonga endlwini yakho ufumane indawo engacwangcisekanga—igaraji, “i attic,” ikhabathi yefayile, njl. njl. Yilungise ngokwahlulahlula zonke izinto ezikuyo ngokweendidi okanye iintlobo zazo. Qhubeka de indawo icwangce ngokweentlobo okanye amasuntswana.